Home + Ethical Trade about ETI activities events resources
ETI logo - click for Home Page Randomly generated header image
Google logo
this site:

“We have worked for a long time to improve working conditions in our supply chain. While we have made progress, we believe it is vital for companies like ours to join forces with other companies and organisations if we are to achieve a significant impact. ETI provides an ideal forum for such collaboration.”
— Javier Chércoles, Head of CSR at Inditex

members only
login  • site map • contact • help  es
SIMPLE SITE - click for Home Page with menus

UMgaqo-nkqubo oSisiseko we-ETI

 

1. UMNTU UYIKHETHA NGOKUKHULULEKILEYO INGQESHO
  1.1 Akukho msebenzi wesinyanzelo nosisibophelelo omawenziwe ngamabanjwa.
  1.2 Akukho mthetho ogunyazisa abasebenzi ukuba bakhuphe ``iimali zedipozithi'' okanye banikezele ngamaphepha abo okuzazisa kumqeshi wabo yaye bakhululekile ukuba bamshiye umqeshi wabo emva kokufaka isaziso soko ngethuba.

2. INKULULEKO YOKUZIBANDAKANYA NEQELA IYAHLONITSHWA KWAKUNYE NELUNGELO LABASEBENZI ABASEBENZA ENDAWENI ENYE LOKUBA BAXOXE NGEEMEKO ZENGQESHO NABAQESHI.
  2.1 Abasebenzi, ngaphandle komkhethe, banelungelo lokuzibandakanya neemanyano zabasebenzi okanye baseke abazifunayo, nelungelo labasebenzi abasebenza kwindawo yengqesho enye lokuxoxa ngeemeko zengqesho nabaqeshi.
  2.2 Umqeshi makazijonge ngeliso elingenagxeke iintshukumo zeemanyano zabasebenzi neentshukumo zazo zokuzigayela amalungu.
  2.3 Abameli babasebenzi abacalulwa yaye bayakwazi ukuqhuba imisebenzi yabo yobumeli emsebenzini.
  2.4 Apho ilungelo labasebenzi lokuzibandakanya neqela nelokuxoxa nabaqeshi ngeemeko zengqesho kushishino abasebenza kulo lithi lincitshiswe ngumthetho, umqeshi kufuneka adale isimo, hayi ukuba asithintele, apho ukuzibandakanya kwabasebenzi neqela nokuxoxa nabaqeshi ngeemeko zeengqesho kushishino abasebenza kulo kungenziwa ngokukhululekileyo nangokuzimeleyo.

3. IIMEKO EKUSETYENZWA PHANTSI KWAZO ZIKHUSELEKILE YAYE ZICOCEKILE
  3.1 Kuya kubonelelwa ngeemeko zomsebenzi ezikhuselekileyo nezicocekileyo, kuqatshelwa ulwazi olukhoyo neengozi ezithile kolu shishino. Kuya kuthatyathwa amanyathelo awoneleyo ukukhusela iingozi nomenzakalo empilweni yabasebenzi odalwa okanye owayanyaniswa nomsebenzi owenziwayo, okanye owenzeka ngexesha kusetyenzwa, ngokuthi kuncitshiswe kangangoko kunokwenzeka, oonobangela beengozi abayinxalenye yendawo ekusetyenzelwa kuyo.
  3.2 Abasebenzi baya kuthi rhoqo bafumane uqeqesho olungokhuseleko olushicilelweyo, yaye olo qeqesho luya kuphindwa kulungiselelwa abasebenzi abatsha okanye abafakwe kwiindawo ezintsha.
  3.3 Ukuba nakho ukusebenzisa izindlu zangasese ezicocekileyo namanzi acocekileyo, yaye kuya kubonelelwa ngeendawo zokugcina ukutya ezicocekileyo, apho kuyimfuneko.
  3.4 Indawo yokuhlala, apho kuthi kubonelelwe ngayo, iya kuba yecocekileyo, ekhuselekileyo, nefezekisa iimfuno ezingundoqo zabasebenzi.
  3.5 Inkampani elandela lo mqathango iya kunikezela ngomsebenzi wokujongana nempilo nokhuseleko komnye wabameli abaphezulu babaphathi benkampani.

4. USETYENZISO LWABANTWANA ALUYI KUVUNYELWA
  4.1 Akuyi kubakho luqesho olutsha lwabantwana njengabasebenzi.
  4.2 Iinkampani ziya kuphuhlisa okanye zithabathe inxaxheba ze zenze igalelo kwimigaqo-nkqubo neenkqubo ezibonelela ngotshintsho kwiimeko zakhe nawuphi na umntwana ofunyenwe engumsebenzi ukulungiselela ukuba abe nokungenela imfundo esemgangathweni aqhube nayo de afikelele ebudaleni; amagama ``umntwana'' ``nosetyenziso lwabantwana'' achaziwe kwizihlomelo zalo mgaqo.
  4.3 Abantwana nolutsha olungaphantsi kweminyaka eli-18 abayi kuqeshwa ukuba basebenze ebusuku okanye kwiimeko ezinobungozi.
  4.4 Le migaqo-nkqubo neenkqubo ziya kuthi zingqinelane nezibonelelo zemigangatho emiselwe nguMbutho weZabasebenzi weZizwe ngeZizwe echaphazela usetyenziso lwabantwana.

5. KUHLAWULWA UMVUZO ANGATHI UMSEBENZI APHILE NGAWO
  5.1 Imivuzo nezibonelelo ezihlawulwa ngeveki yesiqhelo kufuneka zihambelane, ubuncinane, nemigangatho yesizwe esemthethweni okanye imigangatho emiselwe lushishino, nokuba nguwuphi na umgangatho ophezulu kunomnye kule mibini. Imivuzo kufuneka ngalo lonke ixesha yanele ukuba ingahlangabezana neemfuno ezingundoqo ze ibonelele ngemadlana angathi umsebenzi ayisebenzise ngokubona kwakhe.
  5.2 Bonke abasebenzi baya kubonelelwa ngolwazi olubhaliweyo nekulula ukuluqonda malunga nemiqathango yengqesho echaphazela imivuzo noluneenkcukacha ngemivuzo yexesha elithile abaza kuba belisebenzile ngalo lonke ixesha behlawulwa, oko kusenzeka phambi kokuba baqalise kwingqesho.
  5.3 Utsalo lwemali emvuzweni njengesenzo soluleko aluyi kuvumeleka, ngokunjalo notsalo lwemali emvuzweni ngaphandle kwemvume evakaliswe nguloo msebenzi uchaphazelekayo nolungagunyaziswanga ngumthetho wesizwe. Zonke izoluleko kufuneka zibhalwe phantsi.

6. IIYURE EMAZISETYENZWE AZIGQITHISI KWEZIVUMELEKILEYO
  6.1 Iiyure emazisetyenzwe mazingqinelane nomthetho wesizwe kwanemigangatho emiselwe lushishino, nawuphi na kule miqathango mibini obonelela ngokhuseleko olukhudlwana.
  6.2 Abasebenzi abayi kuthi rhoqo bayalelwe ukuba basebenze ngaphaya kweeyure ezingama-48 ngeveki yaye baya kubonelelwa ngosuku olunye, ubuncinane, lokuphumla ngeentsuku ezisixhenxe abazisebenzileyo. Ukusebenza ixesha elongeziweyo kuya kuba ngokuzithandela, akuyi kudlula kwiiyure ezili-12 ngeveki, abasebenzi abayi kunyanzeliswa ukuba bakwenze oko rhoqo yaye kuya kufuneka bahlawulwe ngokuphindwe kabini xa besebenze ngaphezulu kweyure ezibekiweyo.

7. AKUYI KUBAKHO ZENZO ZOCALUCALULO
  7.1 Akukho calucalulo kwinkqubo yokuqesha, yokuvuza, yokubonelela ngoqeqesho, yokunyusela, yokuphelelisa umntu ngomsebenzi okanye yomhlala-phantsi olusekwe kubuhlanga, umgangatho womntu kuluntu lwakhe, imvelaphi ngokobuzwe, inkolo, iminyaka yobudala, ukukhubazeka, isini, imo yomtshato, isini sabantu othandana nabo, ubulungu kwimanyano yabasebenzi okanye kwiqela lezopolitiko.

8. KUBONELELWA NGENGQESHO YESIQHELO
  8.1 Umsebenzi owenziwayo kufuneka wenziwe kulandelwa ubudlelwane kwingqesho obuvunyiweyo obusekwe kumthetho wesizwe neendlela ezilandelwa sisizwe, kangangoko kunokwenzeka.
  8.2 Izibonelelo ezililungelo labasebenzi phantsi komthetho wezabasebenzi okanye wezokhuseleko lwezentlalo nemiqathango ezalwa bubudlelwane kwingqesho aziyi kuphetshwa ngokuthi kusetyenziswe izivumelwano zokwenziwa komsebenzi kuphela, ngokuhlawulelwa kwenye inkampani ukuze yenze umsebenzi othile, okanye kusetyenziswe amalungiselelo okuqhutywa komsebenzi ekhaya, okanye kusetyenziswe izivumelwano apho umntu asebenzela umqeshi ngaphandle kwentlawulo efunda umsebenzi nalapho kungekho zinjongo zakubonelela ngezakhono okanye zakubonelela ngengqesho yesiqhelo, yaye loo malungelo akayi kuphetshwa ngokuthi kusetyenziswe ngaphaya kwemfuneko izivumelwano zengqesho zexesha eliqingqiweyo.

9. AKUKHO MPATHO EGADALALA NENGENABUNTU EVUMELEKILEYO
  9.1 Ukuxhatshazwa ngokwasemzimbeni okanye njengesiluleko, ugrogriso lokuxhaphaza ngokwasemzimbeni, ukuphatheka kakubi ngenxa yesincwaso okanye naluphi na uhlobo lokuphatheka kakubi nezithuko okanye ezinye iintlobo zogrogriso aziyi kuvumeleka.

 

Izibonelelo zalo mgaqo zibonakalisa eyona migangatho isezantsi, hayi eyona iphezulu, ekulindeleke ukuba kufikelelwe kuyo, yaye lo mgaqo mawungasetyenziselwa ukuthintela iinkampani ekubeni zenze ngaphezu kwale migangatho. Iinkampani ezisebenzisa lo mgaqo kulindeleke ukuba zithobele imithetho yesizwe neminye imithetho esebenzayo, kwanokuba apho izibonelelo zomthetho nezalo Mgaqo uSisiseko zithi zishukuxe umxholo ofanayo, zisebenzise eso sibonelelo sinokhuseleko olukhudlwana.

Note: We have made every effort to ensure that the translations of the ETI Base Code and Principles of Implementation are as complete and accurate as possible. However, please note that in both cases it is the English language documents which should be treated as the official versions.

 

See Also:

 

[choose language]
ETI Base Code in various languages